Jonga Information Centre

Jonga Information Centre Community Media;

ChithibhungaLona ke ngumthi owufumana kakhulu ezintabeni nasemahlathini uye ufike unabile. Lo umthi amaxesha amanintsi u...
23/10/2024

Chithibhunga

Lona ke ngumthi owufumana kakhulu ezintabeni nasemahlathini uye ufike unabile. Lo umthi amaxesha amanintsi udalwe kumila njenge ntliziyo futhi ngaphakathi ubomvu ngokwesintu

UChithibhunga ngumthi odalelwe ukuthetha neentliziyo zabantu ingakumbi iintliziyo ezicinga okubi. Eli yeza ke lineentlobo ezinintsi zemisebenzi kodwa undoqo womsebenzi walo kukuchitha iintetha namabhunga amabi ngegama lakho.

Kubakho amaxesha kubhungwe ngawe abantu bathethe okubi ngegama lakho kodwa xa uye wasebenzisa lomthi uye ufike bekonqena bengathethi lanto bebeyithetha ngelixa ubungekho. Lomthi ngowokuxolisa iintliziyo zabantu xa ubonile ukwenzela batshintshe nokwenza xa kuphethwe igama lakho.

UChithibhunga ke uyakwazi ukusitha kwizinto ezinintsi nasebantwini abajonge ukuwisa phantsi, baye xa bekude bakubone kodwa xa bekufutshane bafike ungekho nqwa nemikhwa eyenziwa nguChithibhunga. Isimbo seliyeza kuxa ulibona ungacinga lilapha kufutshane kanti igaqa lalo likude kakhulu. Lomthi kufuneka umise ingqondo xa uwukhangela ngoba usenojika ehlathini ungawuphethanga. Lomthi funeka uwusebenzele ukuze uwufumane ngoba uba ungumntu onokholo olufutshane soze uwufumane.

UChithibhunga ke ikwanguwe nomthi olwa imigqwaliso neentlanga ezintsha. Abantu abanintsi basenowujongela phantsi lomthi kodwa ngowona unokubaluleka kakhulu eluntwini. Lomthi ngumthi woxolo nokuthula, lo ngumthi wokuthuthuzela iintliziyo zabantu. Uyavasa, uyafutha, uyatshiza, uyawufaka kwiziphondo, uyawuthambisa futhi uyawenza intsizi

Camagwini!

We're so blessed in Africa.It is that time to really check what is in you....stop complaining and wait for government gr...
20/11/2019

We're so blessed in Africa.
It is that time to really check what is in you....stop complaining and wait for government grants

19/11/2019
School Posts
16/11/2019

School Posts

Address

Unit 12 Luntu Plaza, Sam Njokozela Street, Bloekombos, Kraaifontein
Cape Town
7570

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Jonga Information Centre posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Featured

Share